Biza amagama
Ubusazi ukuba amaxesha okutya ngawona aluncedo ekufundeni amagama amatsha! Ungakwazi ukukhe ucinge ngamagama onokuwabiza xa usana lusitya okanye lusela? Yonwabela ukuncokola nomntwana wakho ngamagama afana nala: icephe, isisu, ibhotile, ikomityi, ishushu, njl. Read More
Masibethe oothinti
Ubusazi ukuba ukuba yinto esiyenza yonke imihla futhi kubalulekile ukuba abantwana bakubone xa ubala izinto eziningqongileyo nezahlukeneyo?
Xa usenza lo msebenzi kufuneka ube neeroli ezingenanto zephepha langasese, ingxowana eneembotyi okanye iikawusi ezisongiweyo kunye nekhoki okanye ikhrayoni. Read More
Masibize ze sitshatise imibala
Ubusazi ukuba ukuqwalasela, ukubiza nokutshatisa imibala yinto esiyenza rhoqo kubomi bethu? Abantwana kufuneka bancediswe khonukuze bajonge ngenyameko futhi baqaphele izinto ezifanayo okanye ezahlukileyo. Ezi zakhono zibaluleke kakhulu ekukhuleni komntwana wakho nasekubeni umntwana wakho akwazi ukulungela ukuqala iBanga R. Read More
Bonisa umntwana wakho ukuba uyavuya xa ezama ukuthetha
Ubusazi ukuba xa iintsana zisencinci ziyakuthanda ukububona ubuso babazali. Kulo mfanekiso usana luphathaphatha impumlo kanina kwaye umama walo uyathetha uphindaphinda eli gama ‘impumlo’. Read More
ukusho nokudlala imilolozelo eneminyakazo ndawonye
Esithombeni, ubaba nomntwana basho imilolozelo enomnyakazo ndawonye.lokhu sebeke bakwenza ngaphambilini ndawonye. Read More
Ncokola nomntwana ngento oyenzayo
Ubusazi ukuba iintsana nabantwana abancinci baqonda ngokukhawuleza xa uthelekisa nokuthetha kwabo? Xa uhleli nomntwana wakho thetha naye ngokuvakalayo umncokolele ngento oyenzayo xa uxakeke yimisebenzi yakho yemihla ngemihla. Read More
Umdlalo u ‘Ndize’
Ubusazi ukuba ukudlala u ‘ndize’ kumenza axakeke umntwana wakho kwaye loo nto imenza afune ukwazi izinto ngethuba nithetha futhi nisonwabisana kunye? Kunganjani xa nidlala kunye kuloliwe okanye eteksini kungenjalo xa nisalindele ukuhoywa ekliniki? Read More
Yiba lilungu lethala leencwadi
Ubusazi ukuba amathala eencwadi aneencwadi ezikhethekileyo nezingakrazuki lula zeentsana nabantwana abasebancinci? Read More
Yenzani amakhadi anemifanekiso enokutshatiswa
Ubusazi ukuba imidlalo elula yokutshatisa ingalunceda usana lwakho ukuba luqaphele iinkcukacha futhi kuphuhle izakhono zalo zokuphulaphula nezolwimi. Le midlalo inokudlalwa ngabantwana abaneminyaka emibini. Read More
Ukuposa
Iintsana ziyakuthanda ukuthatha izinto zize zizifake ebhokisini. Lo msebenzi owonwabisayo unceda ngeendlela ezininzi apho singabalula, ukukhulisa izihlunu ezincinci kwizandla zosana lwakho, ukuphuhla nokusebenzisana kwamehlo kunye nezandla kunye nokumfundisa ukusombulula iingxaxi ngaxesha linye. Read More
Sebenzisa amagama akhuthazayo
Bonke abantwana bafunda ngcono xa befumana inkxaso futhi bekhuthazwa. Kufuneka ke ube nomonde ebantwaneni bakho xa bekubalisela ibali, xa bezoba umfanekiso, xa bezama ukubhala okanye bezama ukufunda. Read More
Chaza okanye ucacise indlela ezisebenza ngayo izinto
Ukuncokola yonke imihla kuyinto entle kakhulu futhi kuyamangalisa, ingakumbi xa kufuneka kuchazwe indlela ezisebenza ngayo izinto. Umzekelo, ukuba umntwana wakho ukhomba impumlo ende kwindlovu esemfanekisweni, wena unokuthi, “Ewe, sithi ngumboko ke lo kwaye indlovu iwusebenzisa xa izihlamba futhi ithatha ngawo ukutya.” Read More
Hlelani ivasi
Cela umntwana wakho akuncedise uhlele ivasi ecocekileyo, xa uza kuyisonga uyibeke ngeendawo zayo. Ncokola nomtwana wakho umkhuthaze acinge ukuba ziziphi iimpahla ezinokubekwa kunye, ngoba kutheni. Unokuthi kuye, “Masizibeke kunye zonke iikawusi. Ngoku ke masikhangele iipere ezihamba kunye zeekawusi ukuze ndizisonge.” Read More
Ingaba injani imozulu?
Ukugcwalisa itshathi yemozulu yemihla ngemihla kunye nomntwana wakho kwenza ukuba umntwana akwazi okuqhubekayo kwindawo akuyo aphinde azi ukuba ixesha alimanga liyahamba. Oku kukhulisa isigama sakhe kuba utsho akwazi ukusebenzisa amagama afana nala: kukho ‘inkungu’, ‘kukho umoya ophephezelayo’, ‘kuyatshisa’, ‘kupholile’, ‘iqhaqhazelisa amazinyo’, ‘kubhudla umoya’, ‘kukho ilanga’, ‘linamafu’. Isakhono sabantwana sokucinga naso siyaphuhla njengoko bekhuthazwa ukuba banike ezabo izimvo ze bachaze izinto ezifanayo nezinto ezahlukileyo abazibonayo. Read More
Balisa amabali amnandi osapho kwakunye namabali emihla ngemihla
Ubusazi na? Ukumamela amabali malunga nezinto usapho oludlule kuzo, kwenza abantwana bazive beyinxalenye yamalungu osapho lwabo. Bafunda ngolwimi olukhethekileyo olusetyenzisiweyo ngelixa kubaliswa ibali ngezinto zakudala. Ukumamela amabali kwenza kube lula ukubalisa amabali akho ngenye imini. Read More
Yonwabela ukuncokola kamnandi nomntwana wakho
Xa kuncokolwa nabantwana futhi benikwa ithuba lokuthetha, isakhono sabo solwimi sikhula ngakumbi. Abantwana abanesakhono esilungileyo sokuthetha bakufumana kulula ukufunda ukubhala kakunye nokufunda. Yonke imihla aba maninzi kakhulu amathuba okuthetha nokuphulaphula umntwana wakho. Read More
Ncokolani ngento eyayenzeke ekhaya
Khangela ifoto ekukhumbuza ngesiganeko esibalulekileyo nesikhethekileyo esasenzeke kwikhaya lakho. Buza umntwana imibuzo ngesi siganeko usebenzisa amagama afana nala, xa uncokola naye: Kwakuphi? Kwenzeka ntoni? Kwakutheni? Kwakunini? Yenzeka njani? Yayingoobani ababekhona? Ukuba awuyifumani ifoto, ungayiqala incoko ngolu hlobo: “Usakhumbula ngexesha ekwaku…….” Read More
Bhalani uluhlu lwezinto eziza kuthengwa ezivenkileni
Nika umntwana wakho ithuba lokuba akuncedise xa ubhala uluhlu lwezinto eziza kuthengwa. Njengokuba uthetha ngezinto ekufuneka zithengelwe usapho evenkileni, cela umntwana wakho azame ukuzibhala. Lo msebenzi abazukuwobona njengomsebenzi wokubhala koko baza kuwubona ingumsebenzi wabantu abadala ze oku kubonwabise ngakumbi. Read More
Ukwenza intlama yokudlala kunye ngumsebenzi omkhulu wasekhaya
Ukwenza kunye intlama yokudlala ngumsebenzi wasekhaya onika umdla kakhulu. Xa nisenza lo msebenzi, ufumana ithuba lokukhulisa ulwimi lwabantwana phofu bona bengaqondi ukuba bayafunda. Ncokola nabo ngezithako nezixhobo ozisebenzisayo. Read More
Yenza umlinganiswa ngentlama yokudlala
Cela umntwana wakho ukuba abumbe umlinganiswa ngentlama yokudlala. Xa bebumba umlinganiswa bangenza iingalo, imilenze kunye namehlo ngezinti, ngamatye, nangeziciko zeebhotile khonukuze umlinganiswa akhangeleke okomntu! Read More
Zonwabiseni ngomdlalo wokubeka izinto ezizakuba yimiqobo
Abantwana bayakuthanda ukungena ngaphakathi ezintweni, ukukhwela nokujikeleza izinto kumdlalo wokubeka izinto ezizakuba yimiqobo. Nakanjani, abantwana baza kuwonwabela ngakumbi ke lo mdlalo xa wena uwudlala kunye nabo! Read More
Ndiyawuthanda umzimba wam
Namhlanje umntwana wakho uza kuziqhelanisa nokubiza amagama amalungu omzimba. Ncokola naye umbuze ukuba ngawaphi amalungu omzimba wakhe anokuwabiza. Ukuba ikhona ingoma ethetha ngamalungu omzimba futhi enentshukumo, ningayicula kunye nomntwana wakho. Umntwana wakho usenokukufundisa Read More
Qaphela into ibe nye entsha akwaziyo ukuyenza umntwana wakho
Khawukhe ucinge ngabantwana kunye nezinto obafundise zona kule veki – izinto obafundisa zona yonke imihla ezifana nokuzinxibisa, ukupakisha iibhegi zabo nendlela yokubulisa abantu abadala. Ingaba bakuncedisile xa upheka kule veki, bametile okanye babala amaqanda ngethuba uwakhupha efrijini. Ingaba bayilungisile itafile phambi kwesidlo? Bazibalile iimela, iifolokhwe kunye namacephe? Niyibekile kakuhle kunye impahla eyomileyo esanda kuvaswa? Read More
Dlalani ngeebhloko kunye neephazili
Kutheni kubalulekile nje ukudlala ngeebhloko neephazili? Xa abantwana bedlala ngeebhloko okanye iibhokisi ezahlukileyo ngobukhulu bafunda izakhono ezitsha ezibalulekileyo neziluncedo. Bafunda ukulungelelanisa into phezu kwenye bafumanise ukuba kutheni izinto zilungelelene nje – okanye kutheni zisiwa! Bafunda ukusombulula iingxaki, babe nobuchule bokuyila futhi bakwazi nokusebenza kunye. Read More
Umsebenzi wosuku
Ukudlalisa – kutheni kubalulekile? Abantwana bayakonwabela ukubakunye noontanga babo, kuphuhla iimbono ezintsha, nemifanekiso ngqondweni yamabali.
Kuyanceda ukuzama ukudlalisa ubengomnye umntu okanye wazi ilizwe ngokuthatha inxaxheba.
Yenzani amakhadi anomfanekiso
Izinto ekufuneka unazo, nazi: Iimagazini ezindala okanye amaphetshana anemifanekiso kunye nolwazi (leaflets) Irula, Iglu, Ipensile, Isikere nekhadibhodi. Read More
Iiphazili
Umfanekiso ubonisa amaqhekeza amane,iphazili eyenziwe ekhaya.Iphazili yenziwe ngomfanekiso oncanyathiselwe kwisiqwenga sebhodi yaze yasikwa.Xa usenza iiphazili nabantwana, bancedise baqaphele baze bachaze amaqhekeza ephazili. Read More
Umsebenzi: Yenza incwadi ngekhadibhodi
Uzodinga: Iziqwenga zekhadibhodi kunye nemifanekiso efanelekileyo yokwenzela iintsana iincwadi, imagazini, isikere, iglu kunye nemitya ukubopha incwadi.
Indlela yokwenza incwadi ngekhadibhodi: Read More
Play a memory game
This game develops your child’s observation, concentration and memory skills. These are important steps in helping your child learn to read and write. You will need 4 or 5 small objects from around your home, a tray or table, and a cloth to cover the objects. The number of objects will depend on the age of your child. Read More
Play listening games
It is important to help children develop their ability to listen carefully. With good listening skills you can understand what someone is talking about , follow instructions and complete tasks. When young children learn to read and write, they need to be able to hear the different sounds in words. Read More
Qashela igama lesilwanyana
Imidlalo yokuqashela incedisana nabantwana ukuba bakwazi ukucwangcisa iingcinga nezimvo zabo. Bafunda amagama nolwazi olutsha ngathi bayadlala futhi nangendlela eyonwabisayo. Xa beqalisa ukuqashela okanye ukubuza imibuzo abantwana, kubalulekile ukuba nomonde, ukubakhuthaza nokubancoma ngokuzama nokuba benza iimpazamo. Read More
Dlalani ngokubala nokumeta
Ubusazi? Ngokibala ntsuku zonke abantwana bakhawuleza ukufunda indlela yokulandelelanisa amanani nto leyo ebanceda kwizibalo esikolweni. Read More
Yeka ipapethi eyenziwe ngekawusi ibalise ibali
Ukulinganisa ibali ngepapethi eyenziwe ngekawusi kungakhangeleka ngathi ngumdlalo njee kodwa kufuneka ukhumbule ukuba umdlalo ngamnye unika umntwana ithuba lokufunda. Lo msebenzi ufundisa abantwana ukuba baphulaphule ibali, baphinde balibalise ibali belandelelanisa kakuhle iziganeko zebali ze emva koko bengeze nemifanekiso ntelekelelo yabo ebalini. Umntwana wakho angaziva ekhululekile xa ethetha engumlinganiswa oyipapethi yekawusi. Read More
Ingcebiso yangoLwesine
Abantwana bafunda ngokukhawuleza kwaye benza iimpazamo ezimbalwa xa bezithembile. Qwalasela izinto ezifundwa ngumntwana wakho xa esenza into ayonwabelayo efana nokuphulaphula ibali, ukuzoba umfanekiso, ukudibanisa iphazili okanye ukupheka kunye nawe. Read More
Abalinganiswa bebali ababunjwe ngentlama yokudlala
Ukudlala ngentlama yokudlala komeleza iminwe nezihlunu ezisetyenziswa xa kubhalwa. Isigama esityebileyo nokulandelelanisa izimvo kakuhle kuyabanceda abantwana babhale ze bafunde ngcono! Lo msebenzi ukhuthaza abantwana ukuba bakwazi ukukhumbula ibali, bakhulise isigama sabo ngelixa bezonwabisa ngokudlala ngentlama yokudlala! Read More
Masidlale umdlalo wokulinganisa izinto ezithile
Kuyabonwabisa abantwana ukudlala umdlalo wokulinganisa izinto ezithile kwaye bafumana ithuba lokusebenzisa ulwimi ngeendlela ezahlukeneyo xa besebenzisa ulwimi lwabo lwemihla ngemihla. Kwakhona bafunda ukucwangcisa futhi bafunde nokuyila. Read More
UYenzani incwadi encinci yebali
Amabali ayindlela elungileyo yokwengeza amagama amatsha kunye neengcinga ezintsha kulwimi lomntwana wakho. kuphulaphula amabali kuyamnceda umntwana wakho kuba kukhulisa isakhono sokuphulaphula ngenyameko nokuzikisa ingqondo. Xa nisenza incwadi encinci emalunga nebali, loo nto ibonisa abantwana ukuba into ethethwayo nephulaphulwayo inako ukubhalwa ibe nentsingiselo kwaye bangayonwabela amaxesha amaninzi. Read More