Wamkelekile kulwazi lokufunda nokubhala ekhaya

Playing and Learning Together

(Ikhasi lezixhobo zesiXhosa)

Eli khasi liza kuhlaziywa ngokufakelwa izinto nemisebenzi emitsha rhoqo, ngoko ke nceda usoloko ulijonga.

Cofa kwiqhosha lokumamela ukuze umamele okushicilelweyo.

Wamkelekile ukuba wabelane ngeli phepha usebenzisa iindlela ezingezantsi.

Ukuzoba ngumsebenzi ofuna kusetyenziswe ingqondo

Ubusazi ukuba ukuzoba nokubhala kufuna umntu acinge kwaye acwangcise. Ngumsebenzi ofuna kusetyenziswe ingqondo kwaye uyabonwabisa kakhulu abantwana! Xa bezoba abantwana, batsho baqonde ukuba into yokwenyani efana nomama okanye utata wabo, inako ukwenziwa ibe ngumfanekiso osephepheni. Eli linyathelo elibalulekileyo kubantwana abancinci.  Read More

Ndiyawuthanda umzimba wam

Namhlanje umntwana wakho uza kuziqhelanisa nokubiza amagama amalungu omzimba. Ncokola naye umbuze ukuba ngawaphi amalungu omzimba wakhe anokuwabiza. Ukuba ikhona ingoma ethetha ngamalungu omzimba futhi enentshukumo, ningayicula kunye nomntwana wakho. Umntwana wakho usenokukufundisa Read More

Ndiyawuthanda umzimba wam

Namhlanje umntwana wakho uza kuziqhelanisa nokubiza amagama amalungu omzimba. Ncokola naye umbuze ukuba ngawaphi amalungu omzimba wakhe anokuwabiza. Ukuba ikhona ingoma ethetha ngamalungu omzimba futhi enentshukumo, ningayicula kunye nomntwana wakho. Umntwana wakho usenokukufundisa eyakhe ingoma okanye isicengcelezo asifunde esikolweni, asifunde kubahlobo bakhe okanye kwinkqubo kamabonakude ayithandayo.
Nika umntwana wakho isiqwengana sephepha kunye neekhrayoni ezinemibala, azobe. Mkhuthaze ukuba azobe umfanekiso womzimba wakhe. Ungamnika nezinto ezifana neqokobhe lephepha langasese, iibhokisi, iibhokisi zamaqanda, njalonjalo. Angazidibanisa ngeglu ezi zinto, enze ngazo umzimba womntu. Ukuba umntwana wakho ufuna ukuba ubhale amagama amalungu omzimba kumfanekiso wakhe okanye kumzimba womntu awubumbileyo, mncede umbhalele.
Ukwazi amagama amalungu omzimba wakhe, kuyamnceda umntwana wakho kutsho kukhule ulwazi lwakhe malunga nelizwe ahleli kulo kwaye okubaluleke ngakumbi, kukhulisa isigama somntwana. Konke ke oku kwenza kube lula emntwaneni ukufunda kunye nokubhala.

Khuthaza umntwana enze ngathi uyafunda

Lonke ixesha umntu efundela umntwana, uthi umntwana afunde ngakumbi ukuba kuthetha ukuthini na ukuba ngumntu ofundayo. Ukukhuthaza umntwana enze ngathi uyafunda kulinyathelo elibalulekileyo elimsondeza ekufundeni kokwenyani. Umntwana wakho akunyanzelekanga ukuba alinde de aye esikolweni  Read More

Khuthaza umntwana enze ngathi uyafunda

Lonke ixesha umntu efundela umntwana, uthi umntwana afunde ngakumbi ukuba kuthetha ukuthini na ukuba ngumntu ofundayo. Ukukhuthaza umntwana enze ngathi uyafunda kulinyathelo elibalulekileyo elimsondeza ekufundeni kokwenyani. Umntwana wakho akunyanzelekanga ukuba alinde de aye esikolweni ukuze aqalise ukufunda. Ncokola nosapho kunye nabahlobo bakho malunga nokuthengela umntwana wakho iincwadi. Ukuba izihlobo zakho zifuna ukumpha izipho ngeemini ezikhethekileyo nezibalulekileyo, zikhuthaze ukuba zikhethe isipho esiyincwadi. Ungakhangela iivenkile ezithengisa iincwadi esezikhe zasetyenziswa, ukhangele kuzo iincwadi. Ukuthengela umntwana wakho iincwadi kufana nokutyala imali kwikamva lakhe.

Dlalani u “Ndize” ngoonotsheluza

Abantwana bayakuthanda ukudlala u “Ndize”. Namhlanje ke baza kukhangela izandi okanye amagama oza kuwazimelisa.

Sebenzisa amaphepha okanye iikhadibhodi ezindala zesiriyeli wenze oonotsheluza abathandathu (basenokuba ngaphezulu kweli nani, kuxhomekeke kubudala bomntwana wakho). Bhala izandi okanye amagama awaqhelileyo umntwana wakho koonotsheluza. Zimelisa Read More

Dlalani u “Ndize” ngoonotsheluza

Abantwana bayakuthanda ukudlala u “Ndize”. Namhlanje ke baza kukhangela izandi okanye amagama oza kuwazimelisa.

Sebenzisa amaphepha okanye iikhadibhodi ezindala zesiriyeli wenze oonotsheluza abathandathu (basenokuba ngaphezulu kweli nani, kuxhomekeke kubudala bomntwana wakho). Bhala izandi okanye amagama awaqhelileyo umntwana wakho koonotsheluza. Zimelisa oonotsheluza apho endlwini uze uxelele umntwana wakho ukuba bangaphi oonotsheluza ekufuneka ebakhangele. Mcele ukuba ajikeleze akhangele oonotsheluza abazinyeliswe apho endlwini. Jikeleza nomntwana wakho kuwo onke amagumbi uzame ukumnika izikhokelo malunga nendawo ezifihlwe kuyo izandi okanye amagama. Unokuthi kuye: “Uyatshisa” xa ekufutshane nendawo enonotsheluza okanye usenokuthi “Uyabanda” xa ekwindawo engenaye unotsheluza. Xa emfumene unotsheluza umntwana, mcele afunde isandi okanye igama elibhaliweyo. Ukuba usebenzise izandi kuphela, mncedise umntwana wakho acinge ngegama eligxile kwisandi esikunotsheluza. Kanti ke ukuba usebenzisa amagama, ncedisa umntwana wakho akhe isivakalisi esinegama elikunotsheluza. Ukuba nifuna ukuqhuba ngokuzonwabisa nomntwana wakho, ungamcela ibe nguye oza kuzimelisa oonotsheluza uze wena ubakhangele. Uyakuyivuyela kakhulu loo nto yokuba khe ibe nguye ofihla amagama.

Lo mdlalo unika umntwana wakho ithuba lokuzonwabisa kunye nawe ngelixa eziqhelanisa namagama okanye izandi azifundayo.

Amagama: umama, utata, wam, ewe, yiza, hayi, yam, dlala, into, ncinci, ntoni, nkulu, jonga, biza

Fakani imisebenzi eza kwenziwa kwikhalenda

Ukufaka imisebenzi kwikhalenda ngumsebenzi oluncedo kakhulu xa usenziwa ngabantwana kuba batsho babone izinto abaza kuzenza ngosuku ngalunye lweveki okanye basenokujonga iintsuku ezidlulileyo kwikhalenda yabo babone izinto esele bezenzile kusuku ngalunye.

Ukwazisa umntwana wakho ikhalenda nendlela Read More

Fakani imisebenzi eza kwenziwa kwikhalenda

Ukufaka imisebenzi kwikhalenda ngumsebenzi oluncedo kakhulu xa usenziwa ngabantwana kuba batsho babone izinto abaza kuzenza ngosuku ngalunye lweveki okanye basenokujonga iintsuku ezidlulileyo kwikhalenda yabo babone izinto esele bezenzile kusuku ngalunye.

Ukwazisa umntwana wakho ikhalenda nendlela yokuyisebenzisa kuyamncedisa ukuba afumane ulwazi ngezinto ekufuneka ezenzile ngeveki ekunye nosapho lwakhe.  Oku kungabanceda abantwana bazive bekhuselekile kuba besazi ukuba balindele ntoni. Ukusebenzisa ikhalenda kuphinda kuncedise umntwana azi ukuba ukubhala kuluncedo futhi kuneenjongo.

Xa usenza ikhalenda, yahlulahlula iphepha elingabhalwanga elinguA4 libe ngamacandelo asixhenxe – icandelo ngalinye limele usuku lweveki. Ncedisa umntwana wakho afunde iintsuku zeveki nize nincokole ngezinto ezenzekayo ngosuku ngalunye lweveki. Ungamchazela ngeentsuku ekuyiwa ngazo esikolweni nezo zempelaveki.

Mcele ke ngoku umntwana wakho ukuba abhale okanye azobe umfanekiso weyona nto onwabela ukuyenza ngosuku ngalunye. Emva kokuzoba ungamncedisa ngokuthi ubhale phantsi into ayithethayo ngomfanekiso wakhe. Xa iintsuku ezimbalwa zekhalenda sele zigcwalisiwe, ningancokola ngeentsuku asele ezigcwalisile umntwana wakho.

Khuthaza abantwana babuze imibuzo, uyiphendule

Abantwana basoloko befuna ukwazi isizathu sokwenzeka kwezinto kwaye ke asisoloko sinazo iimpendulo. Kodwa ke kufuneka sibakhuthaze ukuba bayibuze imibuzo. Abantwana baziphatha ngendlela encomekayo xa siyiphendula imibuzo yabo futhi batsho bazi ukuba kutheni kufuneka kwenziwe izinto ezithile.  Read More

Khanike nizingele iipatheni

Ubusazi? Kubalulekile kakhulu ukuba umntwana wakho azibone iipatheni xa esaqala ukufunda. Xa abantwana besebenza ngamanani, ziba khona iipatheni kanti ke naxa beqalisa ukufunda badibana neepatheni ezenziwa ngoonobumba kunye nezandi. Umzekelo: thula, vula, sula, fula, cula. Onke lamagama anepatheni yoonobumba engu – ula.  Read More

Masidlale umdlalo wokulinganisa izinto ezithile

Kuyabonwabisa abantwana ukudlala umdlalo wokulinganisa izinto ezithile kwaye bafumana ithuba lokusebenzisa ulwimi ngeendlela ezahlukeneyo xa besebenzisa ulwimi lwabo lwemihla ngemihla. Kwakhona bafunda ukucwangcisa futhi bafunde nokuyila.  Read More

Zonwabiseni ngomdlalo wokubeka izinto ezizakuba yimiqobo 

Abantwana bayakuthanda ukungena ngaphakathi ezintweni, ukukhwela nokujikeleza izinto kumdlalo wokubeka izinto ezizakuba yimiqobo. Nakanjani, abantwana baza kuwonwabela ngakumbi ke lo mdlalo xa wena uwudlala kunye nabo!  Read More

Ziqhelanise namagama ngendlela emnandi neyonwabisayo

Xa abantwana befunda okanye bebhala badibana namagama amaninzi kakhulu. Amagama amaninzi akubi lula ke ukuwabiza kwaye kufuneka ukuba umntwana wakho awafunde aphinde awabhale rhoqo la magama, phambi kokuba akwazi ukuwanakana nokuwapela ngokuzithemba.  Read More

Yonwabela ukuncokola kamnandi nomntwana wakho

Xa kuncokolwa nabantwana futhi benikwa ithuba lokuthetha, isakhono sabo solwimi sikhula ngakumbi. Abantwana abanesakhono esilungileyo sokuthetha bakufumana kulula ukufunda ukubhala kakunye nokufunda. Yonke imihla aba maninzi kakhulu amathuba okuthetha  nokuphulaphula umntwana wakho.  Read More

UYenzani incwadi encinci yebali

Amabali ayindlela elungileyo yokwengeza amagama amatsha kunye neengcinga ezintsha kulwimi lomntwana wakho. kuphulaphula amabali kuyamnceda umntwana wakho kuba kukhulisa isakhono sokuphulaphula ngenyameko nokuzikisa ingqondo. Xa nisenza incwadi encinci emalunga nebali, loo nto ibonisa abantwana ukuba into ethethwayo nephulaphulwayo inako ukubhalwa ibe nentsingiselo kwaye bangayonwabela amaxesha amaninzi.  Read More

Mangaphi amagama onokuwacinga?

Ubusazi ukuba abantwana bakufumana kulula ukufunda ukubhala kunye nokufunda xa besazi ukuba amagama esiwasebenzisa xa sithetha akhiwa ngezandi ezahlukileyo? Imidlalo yokuphulaphula incedisana nabantwana ukuba bamamele izandi ezikumagama asetyenziswa xa kuthethwa.  Read More

Qaphela into ibe nye entsha akwaziyo ukuyenza umntwana wakho

Khawukhe ucinge ngabantwana kunye nezinto obafundise zona kule veki – izinto obafundisa zona yonke imihla ezifana nokuzinxibisa, ukupakisha iibhegi zabo nendlela yokubulisa abantu abadala. Ingaba bakuncedisile xa upheka kule veki, bametile okanye babala amaqanda ngethuba uwakhupha efrijini. Ingaba bayilungisile itafile phambi kwesidlo? Bazibalile iimela, iifolokhwe kunye namacephe? Niyibekile kakuhle kunye impahla eyomileyo esanda kuvaswa?  Read More

Yeka ipapethi eyenziwe ngekawusi ibalise ibali

Ukulinganisa ibali ngepapethi eyenziwe ngekawusi kungakhangeleka ngathi ngumdlalo njee kodwa kufuneka ukhumbule ukuba umdlalo ngamnye unika umntwana ithuba lokufunda. Lo msebenzi ufundisa abantwana ukuba baphulaphule ibali, baphinde balibalise ibali belandelelanisa kakuhle iziganeko zebali ze emva koko bengeze nemifanekiso ntelekelelo yabo ebalini. Umntwana wakho angaziva ekhululekile xa ethetha engumlinganiswa oyipapethi yekawusi.  Read More

Ingaba ibukhali kangakanani impumlo yakho?

Lo msebenzi umnandi kwaye uza kumonwabisa umntwana wakho xa ekhangela izinto aza kuzinukisa. Unika umntwana wakho ithuba lokufunda nokusebenzisa amagama amatsha achazayo. Umntwana uphinda afumane nethuba lokuthatha izigqibo malunga nezinto azithandayo nezo angazithandiyo.Read More

Culani kunye ingoma

Abantwana bayazithanda iingoma ezinesingqi nezibenza bashukumise imizimba. Kaloku ezi ngoma zibakhuthaza ukuba bashukumise imizimba yabo futhi zikhulisa nesakhono sabo sokukhumbula. Ukuphindaphinda okukwezi ngoma nakwizicengcelezo kuncedisa umntwana ukuba afunde amagama amatsha futhi akwazi ukunxulumanisa amagama kunye nezijekulo ezifanelekileyo.  Read More

Zonwabiseni ngemibuzo kunye neempendulo

Wawukhe wacinga ngento enokufundwa ngumntwana wakho kwiphepha elibonisa izinto ezithengiswayo? Abantwana bangafunda amagama ezinto, awemveliso, apho zivela khona nokuba zisetyenziswa njani. Bangabona futhi banakane izandi agxile kuzo amagama ezi mveliso baze bafunde izakhono zeziBalo ezifana nokubala izinto nokubona imibala.  Read More

Masenze isonka esihlohlwe izinto ezimnandi

Kumnandi kakhulu ukwenza isonka esihlohliweyo, kwaye esi sonka singalungela ixesha lesidlo sasemini okanye xa uziva ufuna nje ukuhlafuna.Umntwana wakho ufumana ithuba lokufunda isigama esitsha, ukulandela imiyalelo, ukufunda izakhono ezilula zobomi, nokonwaba kunye nawe!  Read More

Ingaba injani imozulu?

Ukugcwalisa itshathi yemozulu yemihla ngemihla kunye nomntwana wakho kwenza ukuba umntwana akwazi okuqhubekayo kwindawo akuyo aphinde azi ukuba ixesha alimanga liyahamba. Oku kukhulisa isigama sakhe kuba utsho akwazi ukusebenzisa amagama afana nala: kukho ‘inkungu’, ‘kukho umoya ophephezelayo’, ‘kuyatshisa’, ‘kupholile’, ‘iqhaqhazelisa amazinyo’, ‘kubhudla umoya’, ‘kukho ilanga’, ‘linamafu’. Isakhono sabantwana sokucinga naso siyaphuhla njengoko bekhuthazwa ukuba banike ezabo izimvo ze bachaze izinto ezifanayo nezinto ezahlukileyo abazibonayo.  Read More

Ncokola ngemifanekiso esebalini phambi kokuqalisa ukufunda

Ubusazi ukuba ukuncokola ngemifanekiso phambi kokufunda ibali kunganceda umntwana aliqonde ibali lingekafundwa nokufundwa? Imifanekiso inokusebenza njengesikhokelo xa kufundwa amagama amatsha. Iphinda incedise abantwana bakwazi ukunxulumanisa ibali nobomi kwakunye namava abo futhi iyabanceda bakwazi nokuqikelela into eza kwenzeka ebalini.  Read More

Zoba kunye nomntwana wakho

Abantwana bayavuya xa bebona umntu omdala esenza kunye nabo umsebenzi. Xa uzoba kunye nomntwana wakhoqalani nincokole ngendlela eniza kuyizoba ngayo into eniyibonayo. Umntwana uphulaphula indlela ocinga ngayo kwaye loo nto iza kumbonisa naye indlela angacinga ngayo xa ezizobela. Read More

Izinto endizithandayo

Ncokola nomntwana wakho ngezinto azithandayo. Ungambuza le mibuzo: Kukuphi okona kutya ukuthandayo? Yiyiphi eyona mibala uyithandayo? Sisiphi esona silwanyana usithandayo? Yiyiphi eyona midlalo uthanda ukuyidlala?  Read More

Masenze imisebenzi yosapho!

Ubusazi ukuba ukuncedisa kwimisebenzi yosapho kungamkhuthaza umntwana wakho azingce ngokuba yinxalenye yosapho? Ukuncedisa kubafundisa ukuzimela kunye nokuthatha uxanduva. Ukwenza uluhlu lwezinto eziza kwenziwa kuyamnceda umntwana wakho azi ukuba ukubhala kubalulekile kwaye kuneenjongo.  Read More

Phulaphula ibali

Nazi izinto ekufuneka unazo: izinto eniza kuzisebenzisa xa nilinganisa ibali (iipropu), umzekelo, iimpahla, ifenishala, izinto zokudlala, njl. Sikhethe ibali esilithathe kwa “Bookdash” elithi “UFudo ufumene ikhaya lakhe”. https://bookdash.org/books/tortoise-finds-his-home-by-maya-fowler-katrien-coetzer-and-damian-gibbs/  Read More

Yenza umfanekiso ngepeyinti

Ukupeyinta yindlela eyonwabisayo yokwenza amabala ephepheni. Oku kuncedisa abantwana abancinci ukuba balungele ukubhala. Ngaphandle kokonwabisa, komeleza izihlunu zezandla zabantwana kwaye bayakhuthazeka batsho babeke iingcinga zabo ephepheni.  Read More

Qashela igama lesilwanyana

Imidlalo yokuqashela incedisana nabantwana ukuba bakwazi ukucwangcisa iingcinga nezimvo zabo. Bafunda amagama nolwazi olutsha ngathi bayadlala futhi nangendlela eyonwabisayo. Xa beqalisa ukuqashela okanye ukubuza imibuzo abantwana, kubalulekile ukuba nomonde, ukubakhuthaza nokubancoma ngokuzama nokuba benza iimpazamo.  Read More

Dlalani ngamagama

Maninzi amagama asetyenziswa qho, kwiincwadi zabantwana. Amanye ala magama kunzima ukuwabiza. Abantwana kufuneka bawafunde kwaye bawabhale la magama amaxesha amaninzi phambi kokuba bakwazi ukuwanakana nokuwapela ngokuzithemba. Lo mdlalo ke unika abantwana ithuba lokuziqhelanisa nesi sakhono.  Read More

Abalinganiswa bebali ababunjwe ngentlama yokudlala

Ukudlala ngentlama yokudlala komeleza iminwe nezihlunu ezisetyenziswa xa kubhalwa.  Isigama esityebileyo nokulandelelanisa izimvo kakuhle kuyabanceda abantwana babhale ze bafunde ngcono! Lo msebenzi ukhuthaza abantwana ukuba bakwazi ukukhumbula ibali, bakhulise isigama sabo ngelixa bezonwabisa ngokudlala ngentlama yokudlala!  Read More

Ingcebiso yangoLwesine

Abantwana bafunda ngokukhawuleza kwaye benza iimpazamo ezimbalwa xa bezithembile. Qwalasela izinto ezifundwa ngumntwana wakho xa esenza into ayonwabelayo efana nokuphulaphula ibali, ukuzoba umfanekiso, ukudibanisa iphazili okanye ukupheka kunye nawe.  Read More

Ukuzonwabisa ngokuphuthaphutha engxoweni!

Isigama esityebileyo siza kumnceda umntwana wakho ukuba awazi amagama anzima adibana nawo ezincwadini kwaye siza kuphucula nesakhono sakhe sokubhala. Lo msebenzi uncedisana nokukhulisa isigama somntwana kuba umnika ithuba lokuba aphulaphule ze asebenzise amagama angafane awasebenzise. Read More

Hlelani ivasi

Cela umntwana wakho akuncedise uhlele ivasi ecocekileyo, xa uza kuyisonga uyibeke ngeendawo zayo. Ncokola nomtwana wakho umkhuthaze acinge ukuba ziziphi iimpahla ezinokubekwa kunye, ngoba kutheni. Unokuthi kuye, “Masizibeke kunye zonke iikawusi. Ngoku ke masikhangele iipere ezihamba kunye zeekawusi ukuze ndizisonge.” Read More

Senza iipancakes

Sebenzisa le resiphi sikunike yona wenze iipancakes eziginyisa iingwiqi – Zingalungela itheko lomhla wokuzalwa okanye ungazenzela nje ukukhe uzivise kamnandi ngeli xesha lokuvaleleka ezindlini!  Read More

Umdlalo wokukhangela izinto ezinezandi ezithile

Bhala isandi ngasinye kwezi: (t, s, p, b, m, r) kwiphetshana elincinci, nto leyo ethetha ukuba iphetshana ngalinye liya kuba nesandi esinye. Wasonge ke la maphetshana anezandi uwafake kwisityana esincinci okanye emnqwazini.  Cela umntwana wakho ukuba akhuphe isandi sibe sinye aze akhangele izinto ezineso sandi apho endlini. Umzekelo, isandi u-t sifumaneka kwigama “isitulo”.  Read More

Umdlalo wokukhumbula

Nazi zinto ekufuneka unazo ukuze nidlale lo mdlalo: Izinto ezincinci zibe,-4 okanye zibe-5, oza kuzifumana apho ekhaya, itreyi okanye itafile, ilaphu oza kogquma ngalo izinto. Inani lezinto liza kuxhomekeka kubudala bomntwana wakho.  Read More

Imidlalo yokuphulaphula

Kubalulekile kakhulu ukumncedisa umntwana ekuphuhliseni isakhono sakhe sokuphulaphula ngenyameko. Xa isakhono sokuphulaphula silungile umntwana unako ukuqonda into ethethwayo, unako ukulandela imiyalelo futhi uyakwazi ukwenza imisebenzi ayigqibe.  Read More

Yenzani amakhadi anomfanekiso

Izinto ekufuneka unazo, nazi: Iimagazini ezindala okanye amaphetshana anemifanekiso kunye nolwazi (leaflets) Irula, Iglu,  Ipensile, Isikere nekhadibhodi.  Read More

Bhalani uluhlu lwezinto eziza kuthengwa ezivenkileni

Nika umntwana wakho ithuba lokuba akuncedise xa ubhala uluhlu lwezinto eziza kuthengwa. Njengokuba uthetha ngezinto ekufuneka zithengelwe usapho evenkileni, cela umntwana wakho azame ukuzibhala. Lo msebenzi abazukuwobona njengomsebenzi wokubhala koko baza kuwubona ingumsebenzi wabantu abadala ze oku kubonwabise ngakumbi. Read More

Ukwenza isixhobo somculo esinesandi sehlombe esihlokomayo

Ubusazi? Ukucula nomculo zizinto ezibalulekileyo kuyo nayiphi na inkcubeko kwaye yindlela enamandla yokufunda ulwimi, ngelixa isonwabisa ikwaphuhlisa nobuchule bokuyila.Indlela yokwenza isixhobo somculo esinesandi sehlombe esihlokomayo  Read More

Dlalani ngokubala nokumeta

Ubusazi? Ngokibala ntsuku zonke abantwana bakhawuleza ukufunda indlela yokulandelelanisa amanani nto leyo ebanceda kwizibalo esikolweni. Read More

Ncokola ngemizobo yomntwana wakho

Abantwana bayakonwabela ukuzoba. Xa bezoba rhoqo, kokukhona baye besiba nomdla kwizinto ezibangqongileyo. Bangazoba indawo abayithandileyo ebalini okanye into ababekhe bayibona kungenjalo bazobe abalinganiswa bebali abaziqwebele lona.  Read More

Ncokolani ngento eyayenzeke ekhaya

Khangela ifoto ekukhumbuza ngesiganeko esibalulekileyo nesikhethekileyo esasenzeke kwikhaya lakho. Buza umntwana imibuzo ngesi siganeko usebenzisa amagama afana nala, xa uncokola naye: Kwakuphi? Kwenzeka ntoni? Kwakutheni? Kwakunini? Yenzeka njani? Yayingoobani ababekhona? Ukuba awuyifumani ifoto, ungayiqala incoko ngolu hlobo: “Usakhumbula ngexesha ekwaku…….” Read More

Umsebenzi wanamhlanje: Ncokolani ngento eyayenzeke ekhaya

Khangela ifoto ekukhumbuza ngesiganeko esibalulekileyo nesikhethekileyo esasenzeke kwikhaya lakho. Buza umntwana imibuzo ngesi siganeko usebenzisa amagama afana nala, xa uncokola naye: Kwakuphi? Kwenzeka ntoni? Kwakutheni? Kwakunini? Yenzeka njani? Yayingoobani ababekhona? Ukuba awuyifumani ifoto, ungayiqala incoko ngolu hlobo: “Usakhumbula ngexesha ekwaku…….” Read More

Ncokolani ngokushicilelweyo

Xa sikhuthaza abantwana ukuba baqaphele imiqondiso, iilogo kunye neeleyibheli, baza kuba nomdla ngakumbi kwizinto ezishicilelweyo ezikwiindawo abahamba nabahlala kuzo. Baza kuyijonga imifanekiso kunye neelogo baze bazame ukwazi ukuba zithetha ukuthini. Baza kuqalisa babone ukuba okushicilelweyo kuneenjongo futhi kusixelela izinto eziluncedo. Read More

Umsebenzi wanamhlanje: Ncokolani ngokushicilelweyo

Xa sikhuthaza abantwana ukuba baqaphele imiqondiso, iilogo kunye neeleyibheli, baza kuba nomdla ngakumbi kwizinto ezishicilelweyo ezikwiindawo abahamba nabahlala kuzo. Baza kuyijonga imifanekiso kunye neelogo baze bazame ukwazi ukuba zithetha ukuthini. Baza kuqalisa babone ukuba okushicilelweyo kuneenjongo futhi kusixelela izinto eziluncedo. Read More

Umsebenzi wosuku

Ukudlalisa – kutheni kubalulekile? Abantwana bayakonwabela   ukubakunye noontanga babo, kuphuhla iimbono ezintsha, nemifanekiso ngqondweni yamabali.

Kuyanceda ukuzama ukudlalisa ubengomnye umntu okanye wazi ilizwe ngokuthatha inxaxheba.

 Read More

Dlalani ngeebhloko kunye neephazili

Kutheni kubalulekile nje ukudlala ngeebhloko neephazili? Xa abantwana bedlala ngeebhloko okanye iibhokisi ezahlukileyo ngobukhulu bafunda izakhono ezitsha ezibalulekileyo neziluncedo. Bafunda ukulungelelanisa into phezu kwenye bafumanise ukuba kutheni izinto zilungelelene nje – okanye kutheni zisiwa! Bafunda ukusombulula iingxaki, babe nobuchule bokuyila futhi bakwazi nokusebenza kunye.  Read More

Sebenzisa amagama akhuthazayo

Bonke abantwana bafunda ngcono xa befumana inkxaso futhi bekhuthazwa. Kufuneka ke ube nomonde ebantwaneni bakho xa bekubalisela ibali, xa bezoba umfanekiso, xa bezama ukubhala okanye bezama ukufunda.  Read More

Umsebenzi wanamhlanje: Sebenzisa amagama akhuthazayo

Bonke abantwana bafunda ngcono xa befumana inkxaso futhi bekhuthazwa.  Kufuneka ke ube nomonde ebantwaneni bakho xa bekubalisela ibali, xa bezoba umfanekiso, xa bezama ukubhala  okanye bezama ukufunda. Kufuneka wazi kaloku ukuba ukufunda kuthatha ixesha elide. Sebenzisa amagama akhuthazayo nawakhayo khonukuze umntwana wakho azithembe futhi akhuthazeke asoloko efuna ukuzama lonke ixesha!

Funda banzi

Balisa amabali amnandi osapho kwakunye namabali emihla ngemihla

Ubusazi na? Ukumamela amabali malunga nezinto usapho oludlule kuzo, kwenza abantwana bazive beyinxalenye yamalungu osapho lwabo. Bafunda ngolwimi olukhethekileyo olusetyenzisiweyo ngelixa kubaliswa ibali ngezinto zakudala. Ukumamela amabali kwenza kube lula ukubalisa amabali akho ngenye imini.  Read More

Masiyokuthenga ezivenkileni

Zoba umfanekiso wetroli okanye owebhaskithi yokufaka iimpahla xa uyokuthenga evenkileni. Cela umntwana wakho ajonge amaphepha abhengeza izinto zeevenkile kunye neemagazini. Myalele ke ukuba asike imifanekiso yezinto anqwenela ukuzithenga ze azincamathisele ebhaskithini okanye kwitroli. Mxelele ukuba athenge ukutya akuthandayo, ukutya okusempilweni okanye izinto anokuzisebenzisa kwitheko lomhla wokuzalwa.  Read More

Umsebenzi wanamhlanje: Masiyokuthenga ezivenkileni

Zoba umfanekiso wetroli okanye owebhaskithi yokufaka iimpahla xa uyokuthenga evenkileni. Cela umntwana wakho ajonge amaphepha abhengeza izinto zeevenkile kunye neemagazini. Myalele ke ukuba asike imifanekiso yezinto anqwenela ukuzithenga ze azincamathisele ebhaskithini okanye kwitroli. Mxelele ukuba athenge ukutya akuthandayo, ukutya okusempilweni okanye izinto anokuzisebenzisa kwitheko lomhla wokuzalwa.  Read More

Chaza okanye ucacise indlela ezisebenza ngayo izinto

Ukuncokola yonke imihla kuyinto entle kakhulu futhi kuyamangalisa, ingakumbi xa kufuneka kuchazwe indlela ezisebenza ngayo izinto. Umzekelo, ukuba umntwana wakho ukhomba impumlo ende kwindlovu esemfanekisweni, wena unokuthi, “Ewe, sithi ngumboko ke lo kwaye indlovu iwusebenzisa xa izihlamba futhi ithatha ngawo ukutya.”  Read More

Umsebenzi wanamhlanje: Chaza okanye ucacise indlela ezisebenza ngayo izinto

Ukuncokola yonke imihla kuyinto entle kakhulu futhi kuyamangalisa, ingakumbi xa kufuneka kuchazwe indlela ezisebenza ngayo izinto. Umzekelo, ukuba umntwana wakho ukhomba impumlo ende kwindlovu esemfanekisweni, wena unokuthi, “Ewe, sithi ngumboko ke lo kwaye indlovu iwusebenzisa xa izihlamba futhi ithatha ngawo ukutya.”  Read More

Yenza umlinganiswa ngentlama yokudlala

Cela umntwana wakho ukuba abumbe umlinganiswa ngentlama yokudlala. Xa bebumba umlinganiswa  bangenza iingalo, imilenze kunye namehlo ngezinti, ngamatye, nangeziciko zeebhotile khonukuze umlinganiswa akhangeleke okomntu!  Read More

Ukwenza intlama yokudlala kunye ngumsebenzi omkhulu wasekhaya

Ukwenza kunye intlama yokudlala ngumsebenzi wasekhaya onika umdla kakhulu. Xa nisenza lo msebenzi, ufumana ithuba lokukhulisa ulwimi lwabantwana phofu bona bengaqondi ukuba bayafunda. Ncokola nabo ngezithako nezixhobo ozisebenzisayo.  Read More

Ukwenza umdlalo yokudlala kunye ngumsebenzi omkhulu wasekhaya

Ukwenza kunye intlama yokudlala ngumsebenzi wasekhaya onika umdla kakhulu. Xa nisenza lo msebenzi, ufumana ithuba lokukhulisa ulwimi lwabantwana phofu bona bengaqondi ukuba bayafunda. Ncokola nabo ngezithako nezixhobo ozisebenzisayo.  Read More

Ncedisa abantwana baziqhelanise nonobumba

Xa abantwana beziqhelanisa nokubhala oonobumba ngeendlela ezimnandi nezonwabisayo, bengabhali kwiincwadi zabo zesikolo, kuzenzekela ngokukhawuleza ukubhala xa selifikile ixesha lokuphindela esikolweni.Read More

Sibhalela amalungu osapho iileta okanye siwazobele imifanekiso

Thatha ijagi okanye itoti engenanto uyisebenzise njengebhokisi yeposi. Ungamncedisa umntwana wakho ayihombise kakuhle ukuze ibe nomtsalane le bhokisi yeposi. Mkhuthaze umntwana wakho ukuba abhalele ilungu ngalinye losapho ileta okanye alizobele umfanekiso. Thathani iintsuku ezimbalwa nisenza lo msebenzi ze niqinisekise ukuba akukho lungu losapho lilibalekileyo! Ningawacela onke amalungu osapho nawo abhalelane iileta okanye azobelane imifanekiso. Read More

Ukwenza iincwadana ezincinci zonoobumba

Sebenzisa iphepha elingu-A4 wenze ngalo incwadi encinci. Khetha isandi eza kugxila kuso incwadi encinci ze sibhalwe ngonobumba omncinci kwiqweqwe langaphambili lencwadi encinci. Khawujonge ke ngoku imiyalelo kwakunye nomzekelo okwimifanekiso esikunike yona.  Read More

I spy: Ndiyacupha ngeliso lam

Lo msebenzi uluncedo kakhulu ebantwaneni xa befunda izandi zonoobumba. Khumbula. Kkuze abantwana bafunde ukufunda nokubhala kufuneka bazi izandi ezenziwa ngoonobumba hayi amagama oonobumba! Qokelela izinto ezahlukeneyo apho ekhaya. Ingazizinto zabantwana zokudlala okanye izinto ozithatha kwigumbi lokuphekela okanye kwelokuhlambela. Qinisekisa ukuba akuyongozi ukuziphatha ke ezi zinto uze uzibeke etafileni.  Read More

Iiphazili

Umfanekiso ubonisa amaqhekeza amane,iphazili eyenziwe ekhaya.Iphazili yenziwe ngomfanekiso oncanyathiselwe kwisiqwenga sebhodi yaze yasikwa.Xa usenza iiphazili nabantwana, bancedise baqaphele baze bachaze amaqhekeza ephazili.  Read More

Umsebenzi: Yenza incwadi ngekhadibhodi

Uzodinga: Iziqwenga zekhadibhodi kunye nemifanekiso efanelekileyo yokwenzela iintsana iincwadi, imagazini, isikere, iglu kunye nemitya ukubopha incwadi.

Indlela yokwenza incwadi ngekhadibhodi:  Read More