TIME IBakala R
Umyalezo wesi-2
Amabali akwiiNcwadi eziNcinci anezivakalisi ezilula ezihambelana nemifanekiso kwiphepha ngalinye. Ungaziqokelela uze uzigcine kwinto onokuzifaka kuyo ukuze umntwana wakho abe nethala lakhe elincinci leencwadi aza kulonwabela nanini na xa efuna. Iincwadi ezincinci zenza ukuba ixesha lamabali libe mnandi!
Cofa apha ngezantsi ukumamela isicatshulwa
Wakuba ugqibile ukuyisonga incwadi encinci, yityhile uze uncokole kunye nomntwana wakho ngomfanekiso ngamnye. Emva koko, funda isihloko sencwadi kunye nezivakalisi kwiphepha ngalinye. Wakhombe amagama njengokuba uwafunda. Mkhuthaze umntwana wakho ukuba abalise kunye nawe ibali ukuba uyafuna.
Xa ugqibile ukufunda, mbuze umntwana wakho ukuba yiyiphi eyona nto ayithande kakhulu kule ncwadi. Ngokutyhila incwadi, utsho afunde ukuba kunjani ukuba ngumntu ofundayo!
Ividiyo: Uyisonga njani incwadi encinci