TIME IBakala R
Umyalezo wesi-4
Ukubhala nokuzoba kufuna umntu acinge futhi acwangcise, kuyabonwabisa abantwana kwaye ngumsebenzi wokwenyani wengqondo!
Cofa apha ngezantsi ukumamela isicatshulwa
Xa abantwana bezoba batsho baqonde ukuba into eyinyani inako ukwenziwa ephepheni ibe ngumfanekiso. Eli ke linyathelo elibalulekileyo kubantwana abancinci. Xa umntwana eqalisa ukuzoba okukuqala, angenza nje imitshithi ephepheni. Kubalulekile ke ukubakhuthaza nokubaxhasa abantwana kwesi sigaba.
Akufunekanga ukuba uyigxeke imizobo yabo okanye ubayalele ukuba bayiphucule ngokuthi bakope owakho umzobo. Kuthatha ixesha elide ukufunda isakhono esitsha kwaye kufuneka ubani aziqhelanise nesi sakhono kwindawo ekhuselekileyo. Ukuba siyabahleka abantwana xa benze impazamo okanye sibahlaze, abazukukwazi ukuba nesibindi sokuphinda bazame kwakhona.
Mncedise umntwana wakho acinge ngento anqwenela ukuyizoba uze umyeke ke azame. Angasebenzisa amarhoqololo nezinto ezimele oonobumba futhi ke oku kulungile. Ukubhala komntwana wakho kuza kukhula njengokuba lihamba ixesha ngoko ke mncome ze umkhuthaze kakhulu kuhambo lwakhe lokuba ngumbhali.
Abantwana bayavuya xa abantu abadala besenza kunye nabo umsebenzi. Ncokola nomntwana wakho ngemizobo yakhe nangamalinge akhe okubhala. Mbuze imibuzo eza kudala incoko. Oku kuza kunceda ekukhuliseni isigama somntwana wakho futhi kuvule nethuba lokuba umntwana azingce ngento ayenzileyo.