TIME IBakala R

Umyalezo wesi-5


Abantwana abancinci bayafunda kuyo yonke into abayibonayo nabayivayo ngoko ke kubalulekile ukubancedisa kwisakhono sokujonga nokumamela ngenyameko. Imidlalo yokujonga nokumamela ivulela umntwana amathuba okuziqhelanisa nokuphulaphula.

Cofa apha ngezantsi ukumamela isicatshulwa

Abantwana kufuneka baziqhelanise nokuba ngabaphulaphuli bokwenene. Xa abantwana benesakhono sokuphulaphula esilungileyo, banako ukuyiqonda ethethwa ngumntu, banako ukulandela imiyalelo kwaye banako nokwenza imisebenzi bayigqibe.

Izakhono ezilungileyo zokuphulaphula nokujonga ziza kumnceda umntwana ayenze ngempumelelo imisebenzi yaseklasini. Okubaluleke kakhulu, ukukwazi ukuva umahluko kwizandi zamagama sisakhono ekufuneka abantwana abancinci benaso xa beqalisa ukufunda ukubhala kunye nokulesa.