TIME IBakala 1
Umyalezo wesi-6
Abantwana abancinci bayafunda kuyo yonke into abayibonayo nabayivayo kwindawo ebangqongileyo ngoko ke kubalulekile ukuba ubancedise ekukhuliseni isakhono sabo sokujonga nokuphulaphula ngenyameko. Imidlalo yokuphulaphula nokujonga inika umntwana amathuba amaninzi okuziqhelanisa nokuphulaphula.
Cofa apha ngezantsi ukumamela isicatshulwa
Abantwana kufuneka baziqhelanise nokuba ngabaphulaphuli bokwenene. Xa abantwana benezakhono ezilungileyo zokuphulaphula banako ukuqonda ukuba umntu uthetha ngantoni, bayilandele lula imiyalelo futhi bakwazi nokugqiba imisebenzi.
Izakhono ezilungileyo zokujonga nokuphulaphula ziza kumnceda umntwana wakho ayenze ngempumelelo imisebenzi yaseklasini. Okubaluleke kakhulu, ukuva umahluko kwizandi zamagama sisakhono ekufuneka benaso abantwana abancinci xa beqalisa ukufunda ukubhala nokufunda. Ukudlala umdlalo wenyoka woonobumba nomntwana wakho kumnika ithuba lokuzonwabisa ngelixa befunda ngoonobumba kunye nezandi zaba nobumba.