TIME IBakala R

Umyalezo wesi-8


Ukuzoba nokubhala zindlela ezibalulekileyo zomntwana wakho ezincedisana nokuvelisa iingcinga neembono zakhe. Mnike ithuba elaneleneyo lokwenza oku khonukuze abone indlela othi ukusebenzise ngayo ukubhala wena xa usenza izinto zakho zesiqhelo. Ezi zinto zingaquka ukubhala uluhlu lwezinto oza kuzithenga, amakhadi omhla wokuzalwa, imiyalezo eya kutitshala kunye nemiyalezo ehanjiswa ngefoni.

Cofa apha ngezantsi ukumamela isicatshulwa

Abantwana bayakuthanda ukuzoba! Bancome ubakhuthaze kuwo onke amalinge abo okuzoba kuba bafunda ukuchaza into abayicingayo okanye indlela abaziva ngayo. Bonisa umdla nokuba umzamo wakhe wokuqala wokubhala ukhangeleka ingamarhoqololo uze usebenzise eli thuba uncokole kunye nomntwana wakho.

Ukuncokola naye ngento ayizobayo nayibhalayo kuza kumenza abone ukuba into aza kuyithetha ibalulekile kwaye uyayincoma. Oku ke kuza kukhulisa ukuzithemba kuye ze afune ukuqhubekeka nokuzoba kunye nokubhala. Kwakhona kuza kumnceda alungele izakhono aza kuzisebenzisa esikolweni. Nceda ukhumbule ukukhulisa ukuzithemba komntwana wakho, ukusebenzisa ulwimi olungekho ngqwabalala nokusebenzisa ulwimi olukhuthazayo xa nincokola ngemizobo nokubhala kwakhe.