TIME IBakala R
Umyalezo we-11
Ukumncedisa umntwana wakho ekuphuhliseni izakhono ezilungileyo zokukhumbula kubaluleke kakhulu kuyo yonke into aza kuyifunda esikolweni nasekhaya. Ukudlala imidlalo yokukhumbula yindlela eyonwabisayo yokukhulisa ezi zakhono. Nikanani amathuba nomntwana wakho nilungiselele ukudlala umdlalo wokukhumbula khonukuze ubone indlela aza konwaba ngayo xa nawe udlala naye lo mdlalo. Uze ukhumbule ukuba nidlalela ukuzonwabisa hayi ukuba niphumelele.
Cofa apha ngezantsi ukumamela isicatshulwa
Ubusazi ukuba ingqondo iyafana nesihlunu kwaye ke njengazihlunu zonke nayo iyafuna ukulolongwa ukuze yomelele futhi ibe sempilweni? Ukufundisa abantwana ukuba basoloko bephaphile futhi baqaphele izinto abazibonayo sisakhono sobomi esibalulekileyo kwaye.
Oku ke kwenza ukuba ingqondo ikwazi ukuziqhelanisa nokukhulisa izakhono zokukhumbula. Ningayidlala imidlalo yokukhumbula nokuba wenza imisebenzi yakho yemihla ngemihla. Mcele umntwana wakho ukuba ajonge ngenyameko xa nisuka esikolweni nisiya ekhaya. Qaphela izinto ezithile ezimbalwa kwindlela enihamba ngayo.
Nakufika ekhaya khawumbuze umntwana wakho, “Ingaba usawukhumbula ukuba ubunjani umbala wemoto ebidlula kuthi ngokuya besihamba sisuka esikolweni? “Sidlule ngakwindlu kaMakazi uMina. Ingaba kanene unjani umbala wendlu kaMakazi uMina?” “Ingaba kuye kwafuneka siwele indlela kanene ukuze sifike ekhaya?