TIME IBakala R

Umyalezo we-12


Abantwana abancinci bayafunda kuyo yonke into abayivayo nabayibonayo kwindawo abahleli kuyo ngoko ke kubalulekile ukubancedisa ekukhuliseni isakhono sabo sokujonga nesokuphulaphula ngenyameko. Xa abantwana benesakhono sokuphulaphula esilungileyo batsho bayiqonde into ethethwa ngumntu, balandele imiyalelo futhi bayigqibe nemisebenzi.

Cofa apha ngezantsi ukumamela isicatshulwa

Ubusazi ukuba abantwana bakufunda lula ukubhala nokufunda xa besazi ukuba amagama esiwasebenzisa xa sithetha akhiwe zizandi ezahlukileyo? Ukukwazi ukuva umahluko kwizandi zamagama sisakhono esibaluleke kakhulu kubantwana abancinci xa beqala ukufunda ukubhala nokufunda. Abantwana baza kukwazi ukuva izandi zamagama ezisekuqaleni.

Oku ke kuza kusebenza njengesikhokelo sokuthekelela ukuba lithini igama. Xa igama linomfanekiso umntwana wakho uza kusebenzisa umfanekiso njengesikhokelo esiza kumnceda azi ukuba lithini igama. Kubaluleke kakhulu ke ukusebenzisa izandi zoonobumba, umzekelo, ‘a’ kwigama ‘amathanga’ okanye u ‘d’ ku ‘dada’.