TIME IBakala R

Umyalezo we-13

Umdlalo woonobumba wenyoka uncedisa abantwana ukuba baphulaphule baze bachonge kwigama isandi ekugxilwe kuso ze emva koko bakhangele unobumba obhaliweyo owenza eso sandi.

Cofa apha ngezantsi ukumamela isicatshulwa

Xa abanye abantwana besenzisa idayisi banokubiza inani elingachanekanga elivezwe lidayisi. Mncedise ke umntwana wakho nibale kunye amachokoza abonisa inani ngokuthi niphathe ichokoza ngalinye njengokuba ewabala.

Basenokuphinda babale ngokungachanekanga xa behambisa into yokubala kwibhodi. Ukuba umntwana wakho uyihambisa kwizithuba ezininzi okanye kwezimbalwa okanye uyazitsiba ezinye xa ebala, mncedise ahambise ngokucotha asuke kwenye ibhloko aye kwenye nize nime xa ehambise kwizithuba ezichanekileyo. Ukuncedisa abantwana ukuba bakwazi ukufunda idayisi nokuhambisa into yokubala kwizithuba ezichanekileyo kubalulekile kuba kuyamnceda umntwana abone ukuba inani ngalinye lingakanani.