TIME IBakala R
Umyalezo we-16
IRekhodi yeMisebenzi yindlela yokukhuthaza umntwana wakho futhi ikwayindlela yokunika ingxelo kutitshala womntwana wakho.
Click below to listen to text
Xa umntwana wakho ewugqibile umsebenzi, mncome uze umcele ukuba afake umbala kwinkwenkwezi ehambelana naloo msebenzi.
Oku ke kuza kumkhuthaza umntwana wakho ekubeni aqhube futhi afune ukuzama ukwenza izinto ezintsha. Nakuyigqiba imisebenzi ekwipekhi yithumele kutitshala irekhodi yemisebenzi. Kaloku kubalulekile ukuba utitshala abone ukuba uqhuba njani ekufundeni ekhaya umntwana wakho.