TIME IBakala 1
Umyalezo we-17
Ukuzoba linyathelo lokuqala lokubhala. Mkhuthaze futhi umkhokele umntwana wakho ngokuthi uncokole naye ngento aza kuyizoba.
Cofa apha ngezantsi ukumamela isicatshulwa
Ngamanye amaxesha umntwana wakho uza kukucela ukuba umncedise xa ezoba umfanekiso. Usenokuziva ngathi akakwazi ukuzoba kakuhle okanye acinge ukuba wena ungawuzoba ngcono kunaye umfanekiso. Mncedise ke umntwana wakho ngokuthi usebenzise amagama nolwimi oluza kumnceda abe nomfanekiso-ngqondweni wento afuna ukuyizoba.
Xa umntwana wakho engaqinisekanga ngokuzizoba enxibe impahla yasebusika ungamncedisa uthi, “Masicinge okanye sijonge into ofuna ukuyizoba. Ingaba wena unentloko engqukuva okanye emile okweqanda? Ungakwazi ukuyizoba? Ingaba uthwele umnqwazi oshushu entloko? Unjani umbala womnqwazi osentloko? Ungakwazi ukuwufakela kumfanekiso wakho?” Ukhumbule ke ukuba umntwana wakho usafunda kwaye angangakwazi ukuyizoba eyona nto acinga ukuba ufuna ukuyizoba. Soloko umkhuthaza futhi umncoma. Ukulawula indlela yokubamba ipensile nokubeka iingcamango ephepheni kuthatha ixesha elide kwaye kufuna ukuba umntu aziqhelanise ngokwaneleyo.