TIME IBakala 1

Umyalezo woku-1

 

Ngoku ke LIXESHA lokuba sifunde kunye kwindawo enomtsalane nezakwakha ubuhlobo.

Cofa apha ngezantsi ukumamela isicatshulwa

Iwotshi iyancinciza ngoku kwaye sele lifikile ixesha lokuba wena nomntwana wakho nonwabe futhi nifunde kunye kule nkqubo iTIME. Nikunye nomntwana wakho, khangelani indawo ethe cwaka, neniza kukhululeka xa nihleli kuyo nize nibeke bucala imizuzu engama-30 eniza kusebenza ngayo kunye ngaphandle kweziphazamiso.Read More

 

 

TIME IBakala 1

Umyalezo wesi-2

 

Amabali akwiiNcwadi eziNcinci anezivakalisi ezilula ezihambelana nemifanekiso kwiphepha ngalinye. Ungaziqokelela uze uzigcine kwinto onokuzifaka kuyo ukuze umntwana wakho abe nethala lakhe elincinci leencwadi aza kulonwabela nanini na xa efuna. Iincwadi ezincinci zenza ukuba ixesha lamabali libe mnandi!

Cofa apha ngezantsi ukumamela isicatshulwa

Wakuba ugqibile ukuyisonga incwadi encinci, yityhile uze uncokole kunye nomntwana wakho ngomfanekiso ngamnye. Emva koko, funda isihloko sencwadi kunye nezivakalisi kwiphepha ngalinye. Wakhombe amagama njengokuba uwafunda.

Mkhuthaze umntwana wakho ukuba afunde kunye nawe, ukuba umntwana wakho uzithembe ngokwaneleyo, angazama ukuzifundela, akhombe igama ngalinye. Zama ukumnika ixesha elaneleyo lokucinga ukuba lithini na igama uze umfundele ngokwakho igama xa engakwazi ukulibiza.
Ungaze umyeke esokola, nceda umncedise.

Ividiyo: Uyisonga njani incwadi encinci

 

 

TIME IBakala 1

Umyalezo wesi-3

 

Ninomntwana wakho dlalani umdlalo weAlfabhethi – le yindlela eyonwabisayo umntwana wakho aza kufunda ngayo ukuba bakhangeleka njani oonobumba bealfabhethi kwaye sithini isandi sikanobumba ngamnye. Thatha ixesha lakho, ungangxami futhi ukonwabele ukufunda kunye nomntwana wakho.

Cofa apha ngezantsi ukumamela isicatshulwa

 

 

TIME IBakala 1

Umyalezo wesi-4


Ukubhala nokuzoba kufuna umntu acinge futhi acwangcise, kuyabonwabisa abantwana kwaye ngumsebenzi wokwenyani wengqondo!

Cofa apha ngezantsi ukumamela isicatshulwa

Xa abantwana bezoba batsho baqonde ukuba into eyinyani inako ukwenziwa ephepheni ibe ngumfanekiso. Eli ke linyathelo elibalulekileyo kubantwana abancinci. Xa umntwana eqalisa ukuzoba okukuqala, angenza nje imitshithi ephepheni. Kubalulekile ke ukubakhuthaza nokubaxhasa abantwana kwesi sigaba. Akufunekanga ukuba uyigxeke imizobo yabo okanye ubayalele ukuba bayiphucule ngokuthi bakope owakho umzobo. Kuthatha ixesha elide ukufunda isakhono esitsha kwaye kufuneka ubani aziqhelanise nesi sakhono kwindawo ekhuselekileyo. Ukuba siyabahleka abantwana xa benze impazamo okanye sibahlaze, abazukukwazi ukuba nesibindi sokuphinda bazame kwakhona.

Mncedise umntwana wakho acinge ngento anqwenela ukuyizoba uze umyeke ke azame. Lonke ixesha mnike ixesha lokuzama nelokupela amagama ngeli xesha umkhokela. Ukuba umntwana wakho uyakwazi ukunakana oonobumba abathile kunye nezandi ezenziwa ngaba nobumba, ungamkhuthaza uthi, “Ingaba eli gama ligxile kwesiphi isandi? Ingaba uyakwazi ukubhala laa nobumba? Ingaba kulandela esiphi isandi?” Akufunekanga ke ukuba umyeke esokola umntwana wakho, ungamncedi. Khumbula kaloku ukuba kubalulekile ukuba umntwana wakho azive onwabile kwaye ezithembile kwimizamo yakhe yokubhala. Akulunganga ukuba azive ngathi uyavavanywa futhi kufuneka igama ngalinye lichaneke. Umntwana wakho usenokushiyelela oonobumba futhi awapele ngokungachanekanga amagama. Oku kulungile.  Ukubhala komntwana wakho kuza kukhula njengokuba lihamba ixesha ngoko ke mncome ze umkhuthaze kakhulu kuhambo lwakhe lokuba ngumbhali.

Ncoma amalinge akhe okubhala uzame ukuba ungamlungisi kakhulu. Bayonwaba xa beziva bephumelela kwaye ke xa bonwabile  baza kuziqhelanisa rhoqo futhi bakhuthazeke baqhubekeke nokubhala.

 

 

TIME IBakala 1

Umyalezo wesi-5


Sebenzisa idayisi leTIME uziqhelanise nokubala nomntwana wakho.

Cofa apha ngezantsi ukumamela isicatshulwa

Kumntwana omncinci umzuzu ngamnye ngumzuzu wokufunda. Njengokuba usonga usenza idayisi lakho, qinisekisa ukuba uyamchazela umntwana wakho ukuba wenzani. Angakuncedisa ngokuthi afake iglu kwiindawo ezifuna ukuncanyathiselwa zidityaniswe futhi usenokufuna ukufaka umbala emachokozeni okanye awahombise.

Mcele umntwana wakho ukuba aphose idayisi aze aphathe amachokoza ajonge phezulu ecaleni kwidayisi uze ke ngoku umncedise abale ukuba mangaphi amachokoza. Umntwana wakho uzakuba esafunda ngamanani nokubala ngoko ke mkhokele kakuhle ungalindeli ukuba uza kuzichana zonke iimpendulo.

Zamani ukuphatha ichokoza ngalinye, niwabale kunye nomntwana wakho uze umcele ukuba enze intshukumo efana nokuqhwaba izandla, ukutsiba, ukunqwala intloko okanye ukubetha itafile ngenjongo zokubonisa inani lamachokoza eniwabale kunye. Umzekelo, amachokoza amathathu athetha ukuba kuza kuqhwatywa kathathu okanye kuza kutsitywa kathathu. Thatha imizuzu embalwa usenza lo msebenzi. Joyina umntwana wakho kulo msebenzi ze nonwabe.

 

 

TIME IBakala 1

Umyalezo wesi-6


Abantwana abancinci bayafunda kuyo yonke into abayibonayo nabayivayo kwindawo ebangqongileyo ngoko ke kubalulekile ukuba ubancedise ekukhuliseni isakhono sabo sokujonga nokuphulaphula ngenyameko. Imidlalo yokuphulaphula nokujonga inika umntwana amathuba amaninzi okuziqhelanisa nokuphulaphula.

Cofa apha ngezantsi ukumamela isicatshulwa

Abantwana kufuneka baziqhelanise nokuba ngabaphulaphuli bokwenene. Xa abantwana benezakhono ezilungileyo zokuphulaphula banako ukuqonda ukuba umntu uthetha ngantoni, bayilandele lula imiyalelo futhi bakwazi nokugqiba imisebenzi.

Izakhono ezilungileyo zokujonga nokuphulaphula ziza kumnceda umntwana wakho ayenze ngempumelelo imisebenzi yaseklasini. Okubaluleke kakhulu, ukuva umahluko kwizandi zamagama sisakhono ekufuneka benaso abantwana abancinci xa beqalisa ukufunda ukubhala nokufunda. Ukudlala umdlalo wenyoka woonobumba nomntwana wakho kumnika ithuba lokuzonwabisa ngelixa befunda ngoonobumba kunye nezandi zaba nobumba.

 

 

TIME IBakala 1

Umyalezo wesi-7


Khawukhe ukhangele indawo ethe cwaka neniza kuhlala kakuhle kuyo. Yijonge yonke imisebenzi phambi kokuba ubekele bucala imizuzu engama-20 yokusebenza nomntwana wakho. Eli ke lixesha elizolileyo lokufunda oza kuthi ukhulise ngalo ukuzithemba komntwana wakho ngokuthi uphawule wenjenje “Ndiyayithanda indlela ocinga ngayo, zama ukuqhubeka uza kuyichana”.

Cofa apha ngezantsi ukumamela isicatshulwa

Ukufunda ukubhala oonobumba kunye namanani iileta kufuna ukuba umntu aziqhelanise kangangoko anako. Kuyabonwabisa kwaye kuyabanceda kakhulu abantwana ukubhala oonobumba namanani ngezixhobo ezahlukileyo, bangasoloko besebenzisa iipensile namaphepha.

Ningasebenzisa uluthi nibhale ngalo esantini okanye umnwe nibhale kwitreyi enerayisi okanye eneswekile. Ningayisebenzisa kanti netshokhwe nibhale ngayo edongeni okanye phantsi kwindawo eqinileyo. Kulula, kuyakhawuleza ukwenziwa kwentlama yokudlala kwaye intlama yokudlala yenye indlela eyonwabisayo yokuziqhelanisa nokwakha oonobumba kunye namanani. Khumbula ke, uza kuyifumana iresiphi elula yokwenza intlama yokudlala kwipowusta yabazali yeTIME.

 

 

TIME IBakala 1

Umyalezo wesi-8


Ukuzoba nokubhala zindlela ezibalulekileyo zomntwana wakho ezincedisana nokuvelisa iingcinga neembono zakhe. Mnike ithuba elaneleneyo lokwenza oku khonukuze abone indlela othi ukusebenzise ngayo ukubhala wena xa usenza izinto zakho zesiqhelo. Ezi zinto zingaquka ukubhala uluhlu lwezinto oza kuzithenga, amakhadi omhla wokuzalwa, imiyalezo eya kutitshala kunye nemiyalezo ehanjiswa ngefoni.

Cofa apha ngezantsi ukumamela isicatshulwa

Emva kokuba ewuzobile umfanekiso umntwana wakho, mcele ukuba akuncokolele ngomfanekiso wakhe ze abhale into ethile emalunga nomfanekiso. Nika umntwana wakho ixesha khonukuze azame ukupela amagama njengokuba umkhokela kodwa ke kufuneka ungamyeki asokole xa engakwazi.

Mncedise umntwana wakho ngokuthi umcele ukuba azame ukubhala isandi sokuqala segama ngalinye. Ukuba ukhangeleka enexhala lokuzibhalela, mbuze ukuba ungambhalela na indawo ezithile zebali. Bhala amagama njengokuba ethetha ukuze abone igama ngalinye xa ulibhala. Ukuncokola nomntwana wakho ngezinto azibhalayo kumenza aqonde ukuba into aza kuyithetha ibalulekile kwaye uyayincoma. Oku ke kuza kukhulisa ukuzithemba kwakhe futhi aqhubeke ebhala. Kwakhona kuza kumnceda alungele izakhono aza kuzisebenzisa esikolweni nasekhaya.

 

 

TIME IBakala 1

Umyalezo we-9


Abantwana bayakonwabela ukwabelana ngezimvo zabo futhi bayavuya xa abantu abadala abahleli nabo bebonisa umdla kwinto abayithethayo. Amabali emifanekiso emiKhulu inika umntwana wakho ithuba lokufunda amagama amatsha aze abuze imibuzo futhi afumane nethuba lokukhulisa isakhono sakhe sokucinga nokuqiqa.

Cofa apha ngezantsi ukumamela isicatshulwa

Xa wena nomntwana wakho nisebenza kunye kwibali lomfanekiso omKhulu, nceda usebenzise imibuzo esikunike yona khonukuze uvuselele ngayo incoko emalunga nezinto azibonayo. Incoko ethe gabalala engafuni zimpendulo ezingu ‘ewe’ okanye u ‘hayi’ iya kubaluncedo ekukhuliseni isakhono solwimi somntwana wakho. Mkhuthaze umntwana wakho ukuba ancokole ngezinto ezisemfanekisweni nendlela ezimkhumbuza ngayo ngamava akhe.

Ungazama ukusebenzisa eminye yale mibuzo ilandelayo: Kuza kwenzeka ntoni xa…?
Chaza ukuba kutheni ucinga njalo. Ucinga ntoni ngale nto?
Eyona ndawo ndiyithandayo yi…Khwandichazele ngeyona ndawo wena oyithandayo.
Le nto indikhumbuza ngexesha…Yiyiphi enye into ekukhumbuza yona le nto?

Akusoloko kulula emntwaneni ukuchaza iingcinga zakhe ngoko ke mnike ixesha lokucinga ngento ayibona emfanekisweni ze ayichaze ngamazwi akhe. Mncome, nokuba xa ephendula ubiza nje igama elinye.

 

 

TIME IBakala 1

Umyalezo we-10


Amabali athile anemifanekiso embalwa okanye angabi nayo kwamifanekiso anokuthi ayijonge umntwana wakho xa umfundela. Amabali alolu hlobo ke akhuthaza abantwana ukuba bazenzele umfanekiso-ngqondweni weenkcukacha zebali ngokunokwabo. Hlalani kwindawo eniza konwaba kuyo nomntwana wakho nize nonwabele ukuphulaphula ibali esilirekhodileyo.

Cofa apha ngezantsi ukumamela isicatshulwa

Kubalulekile kakhulu ukuba abantwana bafunde ukuphulaphula amabali ngaphandle kokuncediswa yimifanekiso. Xa umntwana wakho ekwazi ukuphulaphula ngenyameko utsho afumane ithuba lokuva amagama amatsha, indlela aqonda ngayo izinto azivayo nayo iyaphucuka.

Oku ke kuza kumncedisa ekukhuliseni izakhono ezibalulekileyo zokunxibelelana ezifana nokuthetha kunye nokufunda. Xa ufundela umntwana ibali, mgcine enomdla ngokutshintshatshintsha ilizwi nto leyo eza kwenza aqaphele iindawo ezilusizi nezonwabisayo ebalini okanye xa kuthetha omnye umntu. Xa niphulaphule ibali elithi: ‘UFudwazana ufumana ikhaya lakhe’ jonga indlela onokumnceda ngayo enomdla umntwana wakho ukuze alonwabele ibali.

Ukuba umntwana wakho sele elazi ibali, ayinamsebenzi loo nto kuba abantwana bayakuthanda ukuphinda bamamele amabali ebebekhe bawamamela ngaphambili.

Ibali ngoFudo lifumana indlu yakhe

 

 

TIME IBakala 1

Umyalezo we-11


Xa nidlala imidlalo yeebhodi nomntwana wakho, utsho afumane ithuba lokonwaba ngelixa afundayo abe futhi echitha ixesha kunye nawe. Yonwabelani ukudlala kunye umdlalo wentaka wamagama!

Cofa apha ngezantsi ukumamela isicatshulwa

Xa nidlala umdlalo weNtaka wamagama nomntwana wakho kuza kufuneka acinge ngamagama agxile kwizandi ezahlukileyo. Mkhokele kakuhle xa engakwazi ukucinga igama.

Ukuba uyasokola ukulifumana igama eligxile kwisandi u /d/ umzekelo, usenokuthi: “Ewe esi sisandi u /d/. Masike silaqaze ke ngoku apha egumbini sijonge ukuba asinakuyifumana na into egxile kwisandi u /d/.” Okanye, “Ingaba ukhona umntu omaziyo onegama eliqala ngesandi u /d/? Dudu? Ewe, ligama elichenekileyo elo! Wenze kakuhle. Igama ‘Dudu’ liqala ngesandi u /d/.” Ungamkhuthaza umntwana wakho ukuba akhangele izinto ezinamagama anesi sandi okanye acinge ngamagama abantu abaziyo.

Nokonwabele ke ukudlala nomntwana wakho imidlalo yeebhodi. Mncome uze usebenzise amazwi akhuthazayo njengokuba niqhuba nidlala.

Cofa kwividiyo engezantsi ukuze ufunde ukuba udlalwa njani umdlalo

 

TIME IBakala 1

Umyalezo we-12


Ukuzoba nokubhala ziindlela ezibalulekileyo athi umntwana afunde ze abonise ngazo izinto azicingayo neengcamango zakhe. Nika umntwana wakho ithuba lokwenza oku rhoqo. Kufuneka umntwana wakho umnike ithuba lokuqwalasela imizekelo yokubhaliweyo kwindawo abahleli kuyo futhi ubabonise nawe indlela obhala ngayo xa usenza izinto zemihla ngemihla ezicwangcisiweyo. Ezi zinto ke zinokuquka ukubhala uluhlu lwezinto eziza kuthengwa, amacwecwe okanye amakhadi omhla wokuzalwa, imiyalezo eya kutitshala kunye nokubhala imiyalezo yefoni.

Cofa apha ngezantsi ukumamela isicatshulwa

Mkhuthaze umntwana wakho xa ezama ukubhala kuba ufunda ukuvelisa into ayicingayo okanye indlela avakalelwa ngayo. Bonisa ukuba unomdla uze umncome umntwana wakho xa ebhala. Oku ke kuza kumenza azi ukuba into azama ukuyithetha ixabisekile kwaye uyayincoma. Khawukhe ucinge iindlela zokunika umntwana wakho ithuba lokubhala.

Angabhala amakhadi okanye amacwecwe, iileta ezilula, angabhala igama lakhe kwiqweqwe elingaphandle lencwadi yakhe okanye umcele akuncedise nibhale uluhlu lwezinto eziza kuthengwa. Mnike ithuba lokuzama ukuzibhalela amagama ngokwakhe umntwana. Amagama anzima usenokuwabhala ephepheni ukuze awakope xa besokola ukuwabhala. Mkhuthaze umntwana wakho ukuze akufune ukubhala futhi umnike amathuba amaninzi okwenza oko.

TIME IBakala 1

Umyalezo we-13


Umdlalo weNyekezu uncedisa umntwana ukuba akwazi ukwahlula amagama anoonobumba aba-3 babe zizandi ezahlukeneyo futhi uphinda ubancede bakwazi ukudibanisa izandi.

Cofa apha ngezantsi ukumamela isicatshulwa

Xa abantwana bebazi oonobumba abali-12, bakulungele ukudibanisa oonobumba kunye ukuze bafunde amagama alula amafutshane. Onke amagama akumdlalo weNyekevu mafutshane kwaye abizeka lula. Abanye abantwana bangafumana ubunzima bokuva isandi esiphakathi okanye esikwilungu lokugqibela.

Lo mdlalo ke yindlela yokuzonwabisa neyokuziqhelanisa nokuva kwanokufunda izandi zamagama amafutshane. Ungadlalwa amaxesha amaninzi lo mdlalo kuqengqeleke iinyanga, khonukuze abantwana bafunde ukufunda. Uze ukhumbule ke ukuba akufunekanga umyeke umntwana wakho asokole ixesha elide ezama ukubiza igama. Ukuba uwonwabele umdlalo akhange umsokolise uza kukuvuyela ukuphinda awudlale kwakhona.

Cofa apha ngezantsi ukumamela isicatshulwa

 

 

TIME IBakala 1

Umyalezo we-14


Zama ukulungiselela umntwana wakho indawo eniza kukhululeka, futhi nikhuthazeke xa nisebenzela kuyo. Oko kuza kumnceda akwazi ukumilisela ingqondo yakhe ngokulula ngelixa ekonwabele ukwenza imisebenzi.

Cofa apha ngezantsi ukumamela isicatshulwa

Imisebenzi yeTIME ingenziwa naphi na, okubalulekileyo kukuba umntwana asebenzele phezu kwendawo eqinileyo. Xa ungenayo itafile, usenokusebenzisa itreyi, ikhadibhodi okanye incwadi eneqweqwe eliqinileyo abeke phezu kwayo iphepha lomsebenzi. Kufuneka ukhumbule ke ukuba abantwana bacinga ngcono, baphulaphule ngcono futhi bakwazi ukugxila kwinto abayenzayo ngcono xa ecinyiwe umabonakude (iTV) okanye unomathotholo xa besebenza.

Sizibonile iifoto neevidiyo ezintle ezibonisa indlela abonwaba nabazithemba ngayo abantwana xa abazali bebancoma bebakhuthaza ngemizamo nangomsebenzi abawenzayo. Xa umntwana wakho ephendula imibuzo esebenzisa igama elinye okanye amagama ambalwa, nceda uyamkele loo mpendulo. Akubalulekanga ukuba umntwana wakho ayiphendule yonke imibuzo ngesivakalisi esipheleleyo okanye akope izivakalisi zakho. Kufuneka umntwana wakho asoloko elonwabela ixesha elikhethekileyo lokufunda kunye nawe.

 

 

TIME IBakala 1

Umyalezo we-15


Ubusazi ukuba xa umntwana esebenzisa iminwe yakhe, le yenye yeendlela zokumncedisa akwazi ukubala futhi akwazi nokufumana iimpendulo xa esenza iisam? Inyani yeyokuba phambi kokuba bakwazi ukuwabiza amanani, abantwana abaninzi bakubonisa ukuqonda amanani ngeminwe yabo.

Cofa apha ngezantsi ukumamela isicatshulwa

Musa ukumtyhafisa umntwana xa esebenzisa iminwe yakhe ekubaleni naxa esenza iisam. Xa esenza oku usebenzisa indlela yokwenene nelungileyo yokuzinceda xa ebala. Mncedise umntwana wakho xa ebala naxa esenza iisam ngokuthi nisebenzise izinto ezininzi ezahlukileyo.

Xa kufuneka esombulule into emalunga namacephe ekufuneka abekwe etafileni, sebenzisa amacephe okwenyani. Xa kusonjululwa ingxaki yokwabela abahlobo iziqhamo, sebenzisa iziqhamo zokwenyani. Xa ungenazo izinto zokwenyani, ungasebenzisa amaqhosha, iiphegzi, iziciko zeebhotile okanye amatye namagqabi onokuwafumana egadini.

TIME IBakala 1

Umyalezo we-16


Ukufunda amagama asetyenziswa rhoqo kuyamncedisa umntwana wakho ekubeni akwazi ukufunda nokubhala ngokulula.

Cofa apha ngezantsi ukumamela isicatshulwa

Kuluncedo kakhulu ukwazi amagama asetyenziswa rhoqo kuba siyawabona kwaye siyawasebenzisa lonke ixesha. Onke amagama esiXhosa, amagama athile eAfrikansi nawesiNgesi asetyenziswa rhoqo, anako ukubizwa avakale. Kodwa ke ekugqibeleni, umntwana wakho uza kubanako ukuwanakana kwangoko la magama.

KwisiNgesi nakwiAfrikansi, maninzi amagama anokufakwa nje engqondweni kuba awakwazi ukuba angabizwa avakale. Ukudlala imidlalo eza kunika ithuba lokuziqhelanisa nala magama aluncedo, aza kubonwa rhoqo futhi asetyenziswe qho ngumntwana wakho kuza kumnceda kakhulu atsho akwazi ukufunda nokubhala ngokulula.

TIME IBakala 1

Umyalezo we-17


Ukuzoba linyathelo lokuqala lokubhala. Mkhuthaze futhi umkhokele umntwana wakho ngokuthi uncokole naye ngento aza kuyizoba.

Cofa apha ngezantsi ukumamela isicatshulwa

Ngamanye amaxesha umntwana wakho uza kukucela ukuba umncedise xa ezoba umfanekiso. Usenokuziva ngathi akakwazi ukuzoba kakuhle okanye acinge ukuba wena ungawuzoba ngcono kunaye umfanekiso. Mncedise ke umntwana wakho ngokuthi usebenzise amagama nolwimi oluza kumnceda abe nomfanekiso-ngqondweni wento afuna ukuyizoba.

Xa umntwana wakho engaqinisekanga ngokuzizoba enxibe impahla yasebusika ungamncedisa uthi, “Masicinge okanye sijonge into ofuna ukuyizoba. Ingaba wena unentloko engqukuva okanye emile okweqanda? Ungakwazi ukuyizoba? Ingaba uthwele umnqwazi oshushu entloko? Unjani umbala womnqwazi osentloko? Ungakwazi ukuwufakela kumfanekiso wakho?” Ukhumbule ke ukuba umntwana wakho usafunda kwaye angangakwazi ukuyizoba eyona nto acinga ukuba ufuna ukuyizoba. Soloko umkhuthaza futhi umncoma. Ukulawula indlela yokubamba ipensile nokubeka iingcamango ephepheni kuthatha ixesha elide kwaye kufuna ukuba umntu aziqhelanise ngokwaneleyo.

 

 

TIME IBakala 1

Umyalezo we-18


Nize nikonwabele ukuphulaphula ibali elithi, Izihlangu zepati zikaKoketso.

Cofa apha ngezantsi ukumamela ibali kwaye ucofe ku + ukonyusa ubungakanani bokubhaliweyo

TIME IBakala 1

Umyalezo we-19


Ukukhangela ixesha elilungele ukufunda kunye

Click below to listen to text

Ingaba ukufumanisa kunzima ukudala ixesha lokuxhasa ukufunda ekhaya? Uyakufumanisa ke ukuba ixesha elilungileyo lokusebenza nomntwana wakho lelasemva kwesikolo okanye emva kwemini. Abazali kunye nabantu abagcina abantwana bafika ekhaya ngorhatya.

Oku kuthetha ukuba kufuneka umkhuthaze umntwana wakho ukuba enze imisebenzi yeTIME ngexesha ubhuti okanye usisi wakhe omdala esenza owakhe umsebenzi. Usenokuzama phambi kokuba nilale xa sele nigqibe ukwenza yonke into kodwa ke ningasebenzi xa ubona ukuba umntwana wakho udiniwe. Ikhaya ngalinye lahlukile kwaye ninosapho lwakho niza kuyibona eyona ndlela kunye nexesha elilungileyo.

TIME IBakala 1

Umyalezo we-20


Ukunceda umntwana wakho akwazi ukumilisela ingqondo

Click below to listen to text

Amakhaya ethu asoloko exakekile. Xa uqwalasela ukuba umntwana wakho akakwazi ukumilisela ingqondo xa ezoba okanye ebhala kufuneka umkhuthaze ngokuthi ujonge le nto sele eyenzile uthi, “Ndiyayithanda le nto uyenzayo! Ucinga ukuba uza kwenza ntoni apha?” uze ke emva koko ukhombe into elandelayo amele kukuyenza. Ukuba umntwana wakho umbona engayimiliselanga ingqondo ngexesha lebali okanye ngexesha lomsebenzi wokuphulaphula ungenza oku kulandelayo:

  • yiphinde kakuhle into ogqiba ukuyithetha
  • mkhumbuze ukuba imbalwa imibuzo eseleyo phambi kokuba nigqibe
  • mchazele ukuba usebenza kakuhle nangona ngamanye amaxesha kunzima ukuba amilisele ingqondo kwinto ayenzayo.

TIME IBakala 1

Umyalezo we-21


Ukuze abantwana bakwazi ukufunda nokubhala kufuneka bazi indlela abakhangeleka ngayo oonobumba kwaye kufuneka bazi nesandi esenziwa ngunobumba ngamnye.

Click below to listen to text

Khomba kumfanekiso okwitshathi yealfabhethi uze uphulaphule indlela esibizwa ngayo isandi sokuqala okanye eso kugxilwe kuso.

Ukuze uqiniseke ukuba isandi ngasinye usibiza kakuhle, likhwaze igama xa ulibiza ukuze isandi esenziwa ngunobumba sicace kuwe. Khawukhe ukuzame ke oku!

TIME IBakala 1

Umyalezo we-22


Nize nonwabele kunye ukuphulaphula ibali elithi: ‘Ingonyama nempuku’.

Click below to listen to the story

 

TIME IBakala 1

Umyalezo we-23


Akufunekanga ude ube ungutitshala.

Click below to listen to text

Ukwenza imisebenzi yeTIME ekhaya kunceda umntwana wakho ukuba aziqhelanise nezakhono azifunde esikolweni. Xa esebenza umntwana wakho, mkhuthaze xa ebonisa inkqubela-phambili uze uchithe ixesha elincinci kwiimpazamo azenzayo. Ungamkhuthaza ngolu hlobo, “Uzame kakuhle ke.” okanye “Mhle ke lo msebenzi.”

Okanye “Phinda uzame sele uza kuyichana impendulo.” Ukuba umntwana wakho ufumana ubunzima ekwenzeni into ethile, nceda wazise utitshala wakhe malunga nayo yonke into oyiqaphelayo xa nisebenza ekhaya. Utitshala uza kuyivuyela kakhulu into yokuchitha kwakho ixesha nomntwana wakho futhi uza kukwazi ukumnceda umntwana wakho xa efuna ukuxhaswa.

TIME IBakala 1

Umyalezo we-24


Xa umntwana wakho eziqhelanisa namagama aza kuwabona rhoqo, oku kuthetha ukuba ukuzithemba kwakhe kuyaphucuka ngakumbi.

Click below to listen to text

Amanye amagama asetyenziswa rhoqo xa ethelekiswa namanye. Xa ewanakana ke umntwana wakho la magama, loo nto imnceda ukuba afunde ngokulula ngoko ke kulunge kakhulu ukuba adlale imidlalo eza kumnika ithuba lokuziqhelanisa nala magama.

Xa efumana ubunzima umntwana wakho, mncedise afunde nje isandi sokuqala segama uze ke emva koko umxelele ukuba lithini igama.

Click below to listen to watch video of how to play the game. 
Please find the game board in the Time materials pack that you already have received.

TIME IBakala 1

Umyalezo we-25


Imisebenzi yokubala iyamonwabisa umntwana wakho kwaye iyamncedisa ukuba akwazi ukukhumbula indlela alandelelana ngayo amanani.

Click below to listen to text

Ukwenza izicengcelezo zamanani nokucula iingoma ezinentshukumo kunye nomntwana wakho kuya kumnceda afunde amagama amanani. Nika umntwana wakho ithuba lokuba akhombe into nganye phakathi kweqela lezinto aze achaze ukuba zingaphi ke xa zizonke.

Ziqhelaniseni nokubala niye phambili ze niphinde nibuye umva nibala ngesi-1 nilandelise ngokubala ngesi-2, ngesi-5 nange-10. Oku kuza kumnceda umntwana wakho akwazi ukubeka izinto ngokwamaqela futhi abale ngokukhawuleza.

TIME IBakala 1

Umyalezo we-26


Uqhube kakuhle! Wena ungowenani kumawakawaka eentsapho asebenzisa inkqubo yokufunda ekhaya, iTIME. Sikuvuyele kakhulu ukuhamba olu hambo kunye nawe kwaye sinethemba lokuba siza kuphinda sikubone kwinkqubo yeTIME yebanga loku-1 ngomnyaka wama-2022!

Click below to listen to text

Abazali basichazele ukuba izixhobo zokufunda zeTIME zibancede kakhulu batsho bafumane ixesha lokusondelelana nabantwana babo. “Ezi pekhi zisinceda ukuba sibe nexesha elizolileyo kunye nabantwana bethu,” utshilo omnye wabazali. “Siyabulela kakhulu kwiTIME, nditsho ndamazi ngcono umntwana wam.”
Izixhobo zeTIME zincedise ekwakheni umntwana owonwabileyo, ozithembe kakhulu nokwazi ngcono ngoku ukumilisela ingqondo yakhe kwinto ayenzayo.

Omnye umzali uthe, “Ngoku umntwana wam undamkela ngokundinika umsebenzi wakhe wesikolo ekumele awenze, xa ndifika ekhaya ndivela emsebenzini. Uyakwazi ngoku ukuyilandela kakuhle imiyalelo. Uyancokola kakhulu kunakuqala, uyadlala kwaye ukhululekile.”
Siyathemba ukuba inkqubo yeTIME ikuncedile nawe kwaye singavuya xa sinokukhe sive kuwe malunga nayo. Khululeka, ungoyiki ukwabelana nathi ngeengcinga zakho malunga nale nkqubo kwicandlelo leTIME, elikwiwebhusayithi yethu yakwaWordworks.
Asinayo ke le nkqubo kwiBanga lesi-2, kodwa ke ungaphinda ujonge ezaa pekhi zonyaka wama-2021 uze uphinde wenze eminye yemisebenzi kunye nomntwana wakho. Kuluncedo kakhulu ukuphindaphinda xa kufundwa!