Cofa apha ngezantsi ukumamela isicatshulwa
Iwotshi iyancinciza ngoku kwaye sele lifikile ixesha lokuba wena nomntwana wakho nonwabe futhi nifunde kunye kule nkqubo iTIME. Nikunye nomntwana wakho, khangelani indawo ethe cwaka, neniza kukhululeka xa nihleli kuyo nize nibeke bucala imizuzu engama-20 eniza kusebenza ngayo kunye ngaphandle kweziphazamiso.Read More
Qokelela izinto zokubhala nokubhalela uzifake kwinto ethile khonukuze zisoloko zilungele ukusetyenziswa. Ezi zinto ke ingayipensile, iikhrayoni zewax okanye iikhrayoni ezizipensile, iphepha elingabhalwanga okanye incwadi yokuzoba, isikere kunye neglu. Ingaluncedo kakhulu into yokuba ube neprestik okanye iteyiphu yokuncamathisela ukuze ukwazi ukubonisa umsebenzi womntwana wakho xa unayo indawo yokuwubeka.
Wakuba uyifumene ipekhi yezixhobo zokufunda nokufundisa yeTIME, zijongisise izixhobo, uzityhile khonukuze uziqhelanise nazo phambi kokuba uqalise nomntwana wakho. Ipowusta yomzali esisikhokelo iza kukuncedisa ekubeni uyiqonde lula yonke imisebenzi. Ngoku ke uza kuziva ukulungele ukuqalisa nokuchitha ixesha elibalulekileyo kunye nomntwana wakho. Uze ukhumbule, ungawenza umahluko ekufundeni komntwana wakho.